ISIXHOSA - Nelson Mandela SDGs Book

Le ncwadana yenzelwe ukubonisa umbulelo kuNelson Rholihlahla Mandela, owayesakuba nguMongameli waseMzantsi Afrika, nowaziwa njengoMadiba, kubulelwa ngenxa yegalelo lakhe elingalibalekiyo lokulwela inkululeko nempilo-ntle yoluntu, ekwenza oko engadinwa. Izama ukuthelekisa ikhwelo lakhe elingalibalekiyo awalihlaba kwiintetho zakhe kunye ne-2030 Agenda for Sustainable Development neeNjongo zayo Zophuhliso Oluzinzileyo (SDGs) ezamkelwa yi-United Nations ngo-2015. Le ncwadana izama ukwenza amanye amazwi akhe aphile (ngaphambi, ebudeni nasemva kokuvalelwa kwakhe ejele iminyaka engama-27) ngokuwadibanisa kunye nee-SDG ezihambelana nawo njengoko sifikelela kwinqanaba eliphakathi naphakathi leenjongo zoluntu nesijikelezi langa ezingekafikelelwa.
UMadiba waba ngumntu wokuqala ukunikwa iwonga lokuba nosuku olubizwa ngayo, xa i-United Nations General Assembly yavakalisa ukuba i-18 Julayi (umhla awazalwa ngawo) lusuku lwe-Nelson Mandela International Day. Njengoko kuphawulwe yi-United Nations, ukukhumbula usuku lokuzalwa likaMandela "lithuba lokuba wonke umntu ahlaziye izinto ezazikhuthaza uNelson Mandela Ukuzimisela ngokupheleleyo.
Ukuzibophelela ngokungagungqiyo kubulungisa, amalungelo oluntu kunye neenkululeko ezisiseko. Inkolelo engatshintshiyo yokulingana nokuba kwesidima kwayo yonke indoda namabhinqa.
Ukungayeki ukuthetha nokudibanisa zonke iintanda ezibangelwa yiyantlukwano." Umxholo wokukhumbula uSuku lukaMandela kunyaka ophelileyo ubusithi "Imozulu, Ukutya Nomanyano," ububalaselisa iingxaki ezicinezelayo zokutshintsha kwemozulu, uubuhlwempu nokungalingani kwabantu. Isebenzisana neNelson Mandela Foundation, i-UN inenjongo yokuba negalelo elibonakalayo elingazukushiyelela mntu ngasemva ngokuthi inciphise ubuhlwempu, inciphise ukungalingani kwabantu, ngokwenza amathuba omsebenzi nawoshishino, ulawulo olusebenza kakuhle, iindlela zokusebenzisa nokuvelisa izinto ezizinzileyo, ukulungela ukutshintsha kwemozulu nokuzama ukukuthintela, ukulawula inkcitho, ukutshintshela kumandla ombane angayonakalisiyo indalo kunye neenkqubo zokutya ezitshintshileyo.
Njengoko sicinga ngamazwi nezenzo zikaNelson Mandela, ngaphambi nasemva kweNgqungquthela ye-2030 SDG (nge-18 ukuya kwi-19 Septemba ebudeni be-UN General Assembly eNew York), masikhumbule ukuba ngamnye wethu unamandla okwenza utshintsho, njengoko watsho wathi, "ngoku isemandleni akho". Ngokuphila ngamazwi kaMandela nangokungqamanisa imigudu yethu kunye nee-SDG, sinokwenza ihlabathi elizinzileyo, elinobulungisa, elilinganayo nelenza abantu bazive bequkiwe. Masinike imbeko igalelo likaMandela ngokutshintsha amazwi abe ngamanyathelo size sisebenzele ikamva eliqaqambileyo kumntu wonke.